2. Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba evé ubunzima obunjalo?
3. Ndithi kuni, Hayi; nòthi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
4. Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?
5. Ndithi kuni, Hayi; nòthi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
6. Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. Wathi ke kumsébenzi-sidiliya,