Uluka 1:70-74 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

70. Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;

71. Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;

72. Ukubenzela inceba oobawo bethu,Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,

73. Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,

74. Sokusinika ukuba sithi, síhlangulwe esandleni seentshaba zethu,Siyikhonze singenakoyika,

Uluka 1