Uluka 1:38-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.

39. Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;

40. wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.

41. Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.

42. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho.

43. Kuhlé ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?

Uluka 1