Uisaya 8:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uYehova kum, Thabatha icwecwe elikhulu, ubhale kulo ngenkxola yabantu, uthi, NgoMaxhoba-ayakhawuleza-iinto-eziphangiweyo-zingxamile,

2. Ndathabathela amangqina anyanisileyo, ooUriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya.

3. Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba-ayakhawuleza-iinto-eziphangiweyo-zingxamile.

4. Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.

5. Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi,

Uisaya 8