Uisaya 65:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.

15. Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;

16. ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am.

17. Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angĂ khunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

18. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.

Uisaya 65