Uisaya 62:11-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe únawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe.

12. Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ùngofuniweyo, ungumzi ongàshiyiweyo.

Uisaya 62