Uisaya 56:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.

9. Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.

10. Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela àbanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.

11. Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, àbakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.

12. Úthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.

Uisaya 56