12. Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundèzwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.
13. Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare,* esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;* oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.