Uisaya 49:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Phulaphulani kum, ziqithi; bazani indlebe, zizwe zikude; uYehova undibize kwasesizalweni, ulikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam.

2. Wawenza umlomo wam wanjengekrele elibukhali, wandizimeza esithunzini sesandla sakhe, wandenza utolo olubaziweyo, wandisithelisa emphongolweni; wathi kum,

3. Ungumkhonzi wam, wena Sirayeli, endiya kuhomba ngaye.

4. Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam.

Uisaya 49