Uisaya 42:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.

2. Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.

3. Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.

4. Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.

5. Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:

Uisaya 42