Uisaya 23:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk' ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.

13. Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya ábamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.

14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.

15. Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,

16. Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.

Uisaya 23