1. Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo.
2. AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.