Uisaya 17:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. iphelìswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram* abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi.

4. Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo.

5. Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa;

6. kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mané namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli.

7. Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli;

Uisaya 17