6. Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.
7. Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.
8. Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.
9. Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilènze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.