1. Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.
2. Nyusani ibhanile* phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.
3. Mna ndibawísele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.