Uisaya 11:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. izinyùsele ibhanile iintlanga, ibahlanganise abagxothiweyo bakwaSirayeli, izibuthe iintsali zakwaYuda emasondweni omané ehlabathi.

13. Losuka ikhwele likaEfrayim, banqunyulwe ababandezeli bakaYuda. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, uYuda angambandezeli uEfrayim.

14. Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve.

15. UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo* ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada.

16. Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.

Uisaya 11