Uhoseya 9:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kufiké iimini zokuvelela, kufiké iimini zempindezelo; úya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nckutshutshisa okuninzi.

8. Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.

9. Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; úya kubukhumbula ubugwenxa babo, úya kuzivelela izono zabo.

10. Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore,* bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.

11. UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.

12. Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!

Uhoseya 9