5. Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; úthabathene nabagxeki.
6. Ngokuba bayisondezé intlixiyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.
7. Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.
8. UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.
9. Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.
10. Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko àbabuyeli kuYehova uThixo wabo, àbamfuni kuko konke oku.