Uhoseya 11:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.

2. Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali,* baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.

3. Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; àbazanga noko, ukuba ndabaphilisa.

4. Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.

Uhoseya 11