Uhoseya 10:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.

2. Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Úya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.

3. Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?

4. Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.

5. Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.

Uhoseya 10