Uhoseya 10:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.

2. Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Úya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.

Uhoseya 10