Uhoseya 1:10-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engàlinganiswayo, engàbalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.

11. Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.

Uhoseya 1