Uhezekile 5:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuya kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.

5. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.

6. Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam.

7. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, ànahamba ngemimiselo yam, ànawenza amasiko am, ànenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:

Uhezekile 5