Uhezekile 48:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngawo la amagama ezizwe ezo, ethabathela ekupheleni ngentla, ehamba ecaleni kwendlela yaseHetelon, ukuya eHamati, naseHatsare-enon, umda waseDamasko, ngasentla ecaleni laseHamati, libe lelakhe icala lasempumalanga nelasentshonalanga: uDan woba necandelo elinye.

2. Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye.

3. Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.

4. Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.

5. Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.

6. Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.

7. Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.

Uhezekile 48