5. Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
6. Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu?Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.
7. Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.
8. Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi éle elwandle, aphiliswe amanzi alo.