Uhezekile 46:21-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omané entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.

22. Emagumbini omané ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite* ezimashumi mané, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso úmnye kuloo magumbi omané.

23. Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zoné; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.

24. Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.

Uhezekile 46