14. Bakùngena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
15. Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheké empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.
16. Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa;* yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
17. Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.