5. Walulinganisa udonga lwendlu, lwaziikubhite ezintandathu, ububanzi bendawo yokwayama bazikubhite eziné; yajikeleza ngeenxa zonke endlwini leyo.
6. Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu; aya kufika eludongeni ebeyinalo indlu le, ngasemagumbini endawo yokwayama, eyajikeleza ngeenxa zonke, ukuze abe nokubambeka khona; kodwa angabambeki eludongeni lwayo indlu.
7. Kwaya kúba banzi ukujikeleza, okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi endawo yokwayama; ngokuba oko kwayijikeleza indlu le, kwaya kusanda okukhona inyukayo, kuyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko indlu le yaya iba banzi okunyuka inyukayo; lwaba kwanjalo olungaphantsi udidi, ukunyuka ukuya kolungaphezulu ngokolo lungaphakathi.
8. Ndabona kwasendlwini le indawo ephakamileyo, ejikelezileyo ngeenxa zonke; iziseko zamagumbi endawo yokwayama zaziyingcongolo* epheleyo, ziikubhite ezintandathu, ukuya entlanganweni.
9. Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu.
10. Phakathi kwamagumbi ibe ibububanzi beekubhite ezimashumi mabini obujikelezileyo, bayijikeleza indlu ngeenxa zonke.
11. Iminyango yendawo yokwayama yayikhangele endaweni eshiyekileyo; omnye umnyango ukhangele ngentla, omnye umnyango ukhangele ngezantsi; ububanzi bendawo eshiyekileyo bebuziikubhite ezintlanu, bajikeleza ngeenxa zonke.