1. Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesiné emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.
2. Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.
3. Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi* ngesandla, nengcongolo yokulinganisa;* waye ke emi esangweni.