7. Ndiya kulazisa igama lam elingcwele phakathi kwabantu bam amaSirayeli, ndingabuyi ndilingcolise igama lam elingcwele; zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, oyiNgcwele kwaSirayeli.
8. Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona.
9. Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babáse umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe.
10. Abayi kutheza zinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathìmbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.
11. Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ùbavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.
12. Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;
13. bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.