Uhezekile 33:7-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wena ke, nyana womntu, ndikwenzé waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; wòliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.

8. Ndákuthi kongendawo, Wena ungendawo, ùya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.

9. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, àkabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena ùwuhlangule umphefumlo wakho.

Uhezekile 33