25. Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bóthusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehlé baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.
26. Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
27. Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehláyo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.
28. Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.
29. Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehlé baya emhadini.
30. Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangàlukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehlé baya emhadini.