19. Ùdlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.
20. Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikélwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.
21. Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.
22. Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,
23. ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.