13. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amané, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
14. ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.
15. Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwancìphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
16. Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; ázi ukuba ndiyiNkosi uYehova.