Uhezekile 26:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Amagxamesi akho asemaphandleni úya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;

9. abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe.

10. Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo.

11. Ngamanqina amahashe akhe úya kuzigqusha izitrato zakho zonke; úya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni.

Uhezekile 26