Uhezekile 25:5-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; názi ukuba ndinguYehova.

6. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:

7. ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.

8. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda:

9. ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim.

10. Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;

11. ndenzè izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova.

12. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenzé ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo:

13. ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan.

14. Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benzè kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova.

15. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:

16. ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle.

Uhezekile 25