Uhezekile 21:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;

5. yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.

6. Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo.

7. Kothi, xa bathe kuwe, Ùncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.

8. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

9. Nyana womntu, profeta uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ikrele, ikrele liloliwe, likhazimlisiwe nokukhazimliswa.

Uhezekile 21