4. Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;
5. yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.
6. Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo.
7. Kothi, xa bathe kuwe, Ùncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.
8. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
9. Nyana womntu, profeta uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ikrele, ikrele liloliwe, likhazimlisiwe nokukhazimliswa.
10. Liloliwe ukuze lixhele libulale; likhazimlisiwe ukuze limenyezele njengombane. Ngesiba nemihlali sithi, Intonga yonyana wam le icekisa imithi yonke na?
11. Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali.
12. Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangéni.
13. Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.
14. Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo.
15. Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.