Uhezekile 20:31-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. nizenzé iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingábuzwa níni na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa níni, nakanye.

32. Loo nto ithe qatha emoyeni wenu, ayiyi kubakho nokubakho: leyo nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengemizalwane yamazwe, silungiselele kwimithi namatye.

33. Ndihleli nje, inyaniso, itsho iNkosi uYehova, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo, ndiya kuba ngukumkani phezu kwenu.

Uhezekile 20