Uhezekile 2:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bála, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

6. Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.

7. Wáthethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bála; ngokuba baneenkani.

8. Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.

9. Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo.

10. Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.

Uhezekile 2