Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Àbayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangàbhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangàngeni emhlabeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.