1. Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi,* kunjengelitye lesafire,* kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova.
2. Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndíyibona.
3. Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi.
4. Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova.
5. Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha.