Uhezekile 1:16-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite,* zimfaninye zoné; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.

17. Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omané; azajika ekuhambeni kwazo.

18. Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zoné.

19. Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.

20. Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

21. Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

22. Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale* eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.

23. Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.

24. Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

25. Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

26. Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire;* ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.

Uhezekile 1