62. abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
63. Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*
64. Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
65. ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.