1. Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi,
2. Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uziniké mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
3. Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.