2. Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yominé yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.
3. Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.
4. Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.
5. Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere;* laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.
6. Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amané emhlana walo, lineentloko eziné; irhamncwa elo lanikwa igunya.