Udaniyeli 7:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yominé yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.

3. Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.

4. Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.

5. Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere;* laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.

6. Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amané emhlana walo, lineentloko eziné; irhamncwa elo lanikwa igunya.

Udaniyeli 7