Udaniyeli 2:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko.Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale.

14. Waza waphendula ngecebo nangengqondo uDaniyeli kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume weza kubulala izilumko zaseBhabheli.

15. Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto.

16. UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba amxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

17. Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazĂ­sa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;

18. ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangĂ tshatyalaliswa uDaniyeli namakholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.

Udaniyeli 2