8. Wothimba, azisé eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla.
9. Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe.
10. Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe.
11. Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe.
12. Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawakawaka angamashumi; ke angeyisi noko.
13. Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi.
14. Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke.