2. INkosi uYehova ifunge ubungcwele bayo, yathi, Yabonani, nizelwa yimihla eniya kuqweqwediswa ngamagwegwe, nabokugqibela kuni ngamaqerhu okubambisa iintlanzi.
3. Niya kuphuma ngamathuba okuqhekezwa kodonga, elowo aphume ngelilunge naye, niye kuphoswa eHarmon; utsho uYehova.
4. Yiyani eBheteli nikreqe; yiyani eGiligali, nandise ukukreqa; nizise imibingelelo yenu imisó ngemisó, nezishumi zenu kanye ngemihla emithathu;
5. niqhumisèle umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
6. Kananjalo mna ndininiké ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova.
7. Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zísentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha;
8. imizi emibini, emithathu, ibhaduléle kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.
9. Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.
10. Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuyá kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.