24. Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na?
25. Ukuba ke sithembe ukuzuza oko singakuboniyo, sikulinda kakhulu, sinomonde.
26. Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingákuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.
27. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
28. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.
29. Ngokuba abo wabazĂyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi.